Esther 10:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba u‐Modekai um‐Juda ebengowasemva kwokumkani u‐Hasheveroshe, emkulu pakati kwama‐Juda, ebukekile kwisininzi sabazalwana bake, efuna ubutamsanqa babantu bake, eteta uxolo kuyo yonke inzalo yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba uMordekayi umYuda ebenganeno kokumkani uAhaswerosi, emkhulu kumaYuda, ekholekile kuninzi lwabazalwana bakhe, ebafunela abantu bakowabo okulungileyo, ethetha uxolo kwimbewu yonke yakowabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yokuba uMordekayi umYuda wayengene ezihlangwini zokumkani uAsuwerosi, wayengoyena mkhulu phakathi kwamaYuda, ekholisekile kuninzi lwabazalwana bakhe, ebanqwenelela okuhle abantu bakowabo, wathetha uxolo kuyo yonke imbewu yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uModekayi umJuda apho kuloo mbuso wayelisekela likakumkani uAsuwerosi, engobalaseleyo phakathi kwamaJuda, exatyiswe gqitha ngamawabo amaJuda. Kaloku yena wayesebenzela inkqubela yabantu bakowabo, eyimele intlala-kahle yamawabo.