Esther 2:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ebengaxelanga u‐Esetere abantu bake nokwalamana kwake: ngokuba u‐Modekai ebemyalele ukuba angaxeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UEstere ubengabaxelanga abantu bakowabo nemizalwane yakhe;kuba uMordekayi wayemwisele umthetho wokuba angabaxeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uEstere akazange abaxelele abantu bakowabo nentsapho yakhe, kuba uMordekayi wayemyalele ukuba angabaxeleli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uEstere lo wayengazange azichaze imvelaphi nohlanga lwakhe, kuba uModekayi wayethe makangazixeli.