Esther 2:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakufika ixesha lentombi ngentombi lokuba ingene kukumkani u‐Hasheveroshe, emveni kwokuba ibe ifezile inyanga ezilishumi linambini, njengesiko lamankazana; (ngokuba bekunjalo ukuzalisekiswa kwemihla yokuhlanjululwa kwazo, esinye isitandatu senyanga kwenziwa ngamafuta emore, nesinye isitandatu senyanga ngezimnandi, nange zinye izinto zokuhlanjululwa kwamankazana:)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku ekufikeni kwexesha lentombi ngentombi lokuya kukumkani uAhaswerosi, ekupheleni kokwenziwa kwesiko labafazi iinyanga ezilishumi elinambini (kuba bekunjalo ukuzaliseka kwemihla yokuthanjiswa kwazo; iinyanga ezintandathu bekusenziwa ngeoli yemore, ezinye iinyanga ezintandathu ngobulawu nangeento zokuthambisa abafazi),
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, ekufikeni kwentombi nganye kukumkani uAhaswerosi, ineenyanga ezilishumi elinambini ngokwesiko labafazi, ngokuba yayizalisekile imihla yokuhlanjululwa kwabo, zaba ziinyanga ezintandathu ngeoli yemore, neenyanga ezintandathu ngeziqholo, kunye nezinye iimveliso zococeko lobufazi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phambi kokuba intombi iye kukumkani uAsuwerosi kwakufuneka ithathe ishumi elinambini leenyanga iphathwe ngemigqalisela yobuhle eyayimiselwe ababhinqileyo. Iinyanga ezintandathu yayithambisa amafutha emore, ngezinye ezintandathu ithambise ubulawu neziqholo.