Esther 2:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku kwakufika ixesha lika‐Esetere, intombi ka‐Abihayili, uyisekazi ka‐Modekai, obemtabatile abe yintombi yake, lokuba angene kukumkani, akafuna nto, kupela oko u‐Hegai umbusi wokumkani, umgcini wamankazana, wamxelelayo. Waye u‐Esetere wafumana ufefe emehlweni abo bonke abambonayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekufikeni kwexesha likaEstere, intombi ka-Abhihayili, uyisekazi kaMordekayi, obeyithabathe ukuba ibe yintombi yakhe, lokuba aye kukumkani, akafunanga nto ingaxelwanga nguHegayi ithenwa lokumkani, umgcini wabafazi. UEstere wababalwa ngabo bonke abambonayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, kwakufika ixesha likaEstere, intombi ka-Abhihayili, uyisekazi kaMordekayi, obeyithabathe ukuba abe yintombi yakhe, angene kukumkani, akafuna nto, ingenguHegayi, ithenwa lokumkani, umgcini wendlu yenkosi ikumkani abafazi, abanyuliweyo. Yaye uEstere wabonakala ekholekile emehlweni abo bonke ababembona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lithe ke lakufika ithuba likaEstere (intombi leyo eyayigcinwe nguModekayi, iyintombi kayisekazi uAbhihayili) ukuba aye kuvela phambi kokumkani, yena akafunanga nto yimbi ngaphandle kwezo zinto wayezicetyiswe nguHegayi iphakathi likakumkani elalijongene nenkundla yababhinqileyo. Ke yena uEstere wamkholisa wonke umntu owambonayo.