Esther 2:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wamtanda u‐Esetere pezu kwawo onke amankazana; wayefumana ufefe nobubele ebusweni bake ngapezu kwazo zonke intombi; wada wabeka isitsaba sobukumkani entlokweni yake, wamenza ukumkanikazi esikundleni sika‐Vashiti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wamthanda uEstere ngaphezu kwabafazi bonke;wambabala, wamenzela inceba ngaphezu kweentombi zonke;unkontsho lobukumkanikazi walubeka entlokweni yakhe, wamenza ukumkanikazi esikhundleni sikaVashti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wamthanda uEstere ngaphezu kwabafazi bonke; Ngoko wamthwesa isithsaba sobukumkani entlokweni yakhe, wamenza ukumkanikazi esikhundleni sikaVashti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ukumkani lowo wakhangwa ngendlela eyodwa nguEstere lowo; ewe, kuzo zonke ezo ntombi ayikho eyawelwa ngukumkani njengoEstere lowo, yena wamkholisa ngokugqithisileyo. Ngoko ke ukumkani wathwesa uEstere iqhiya yobukumkanikazi, wamfaka esikhundleni sikaVashiti.