Esther 2:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakubuzwa indawo leyo, yafunyanwa njalo ke; ngako baxo̔nywa bobabini emtini: yaza yaba̔lwa encwadini yemicimbi yemihla ngemihla ebusweni bokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yancinwa loo nto, yafunyanwa; baxhonywa bobabini emthini.Yabhalwa loo nto encwadini yemicimbi yemihla phambi kokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yancinwa loo nto, yafunyanwa; ke ngoko, bobabini baxhonywa emthini;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lithe ke lakufunyaniswa ubunyani balo elo yelenqe, loo maphakathi mabini athathwa abulawa ngokuxhonywa. Yonke ke le ngcombolo yabhalwa encwadini yeembali nokumkani ngokwakhe ekhona.