Esther 2:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati ke yona yamondla u‐Hadasa, (okwa nguye u‐Esetere, intombi yoyisekazi wayo,) ngokuba ebengenayise nonina: intombi leyo ibintle nangesimilo nangokubonakala, owati u‐Modekai, xeshekweni bebefile uyise nonina, wayitabata ibe yintombi yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaye ingumondli kaHadasa (nguEstere ke lowo), intombi kayisekazi; ngokuba ebengenayise nanina. Intombi leyo yayimile kakuhle, intle nasebusweni. Emva kokufa kukayise nonina, uMordekayi wayithabatha yaba yintombi yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nguye owayekhulisa uHadasa, oko kukuthi, uEstere, intombi kayisekazi; ngokuba ebengenayise nanina; kwathi ekufeni kukayise nonina uMordekayi wayithabatha yaba yintombi yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UModekayi lo ke wayenomzala ogama linguHadasa awayeze naye apho eBhabheli kuba eyinkedama engenatata namama. Le ntombi ke, egama limbi lalinguEstere, yayimile kakuhle iyinzwakazi. UModekayi lo ke wayithatha njengomntwana wakhe yakuba iswelekelwe nguyise nonina.