Esther 2:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaye intombi leyo ibilungile emehlweni ake, yazuza ububele pambi kwake; ngako wanxama ukuyinika izinto zokuhlanjululwa kwayo, nezabelwa zayo, nentombi zisixe̔nxe ezazifunwa ukuba zinikwe kuyo zivela endlwini yokumkani: waza wabeka yona nentombi zayo kwelungileyo indawo yendlu yamankazana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yamkholisa intombi leyo, wayenzela ububele, wakhawuleza, wayinika izinto zayo zokuthambisa, nezabelo zayo, wayinika neentombi ezisixhenxe ezihleliweyo, ezivela endlwini yokumkani;wayibeka yona nomthinjana wayo kweyona ndawo intle kwindlu yabafazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yamkholisa intombi leyo, wamkeleka kuye; wakhawuleza, wamnika iimpahla zakhe zokuhlambela, neento zonke abenazo, neentombi ezisixhenxe zendlu yokumkani, awayeza kuzinikwa; wayinyula yona nomthinjana wayo phezu kweyona ndawo intle kwindlu yabafazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le ntombi inguEstere ke yamkholisa ngokupheleleyo. Ngoko nangoko ke wayixhasa ngezinto zobuhle, eyityisa ooni nooni. Wamnikezela esandleni sabafazi abasixhenxe abâkhethwa kwalapho komkhulu, waza ke uEstere nâbo bafazi bahlaliswa kwawona magumbi aphambili kwelo cala lababhinqileyo.