Esther 3:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
EMVENI kwezizinto ukumkani u‐Hasheveroshe wamenza mkulu u‐Hamani, unyana ka‐Medata, um‐Hagagi, wampakamisa, wamisa isihlalo sake ngapezu kw es azo zonke inkosi ezibe zinaye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emveni kwezo zinto, ukumkani uAhaswerosi wamenza mkhulu uHaman unyana kaHamedata, umAgagi; wamphakamisa, wasimisa isihlalo sakhe ngaphezu kwabathetheli bonke ababenaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko ukumkani uAsuwerosi wamphakamisa uHaman, unyana kaHamedata, umAgagi, wamphakamisa, wambeka etroneni yakhe ngaphezu kwabathetheli bonke ababenaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku emva kwezo ziganeko ukumkani uAsuwerosi wawonga uHaman unyana kaHamedata um-Agagi, wamphakamisa wamnika esona sihlalo siphezulu kunazo zonke ezinye izikhulu.