Esther 3:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandula kwabizwa ababa̔li bokumkani, ngoweshumi linesitatu umhla wenyanga yokuqala, kwaba̔lwa ke, njengako konke abeyalela ngako u‐Hamani, kuzo inkosi ezinkulu zokumkani, nakuzo inkosi ezibe zipezu kwezwana ngezwana, nakubo abapati babantu ngabantu, izwana ngezwana njengokuba̔la kwalo, nabantu ngabantu njengenteto yabo: kwaye kuba̔lwa egameni lokumkani u‐Hasheveroshe, kwancanyatiselwa ngomsesane wokumkani kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwabizwa ke ababhali bokumkani ngenyanga yokuqala, ngomhla weshumi elinesithathu kuyo. Kwabhalwa ngokomthetho wonke kaHaman, kwiirhuluneli zokumkani, nakumabamba abephethe amazwe ngamazwe, nakubathetheli babantu ngabantu, kumazwe ngamazwe ngokokubhala kwawo, kubantu ngabantu ngokweentetho zabo.Kwabhalwa egameni lokumkani uAhaswerosi, kwatywinwa ngomsesane wokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babizwa ke ababhali bakakumkani ngomhla weshumi elinesithathu wenyanga yokuqala, kwaza kwabhalwa ngokoko konke awakuthethayo uHaman kubaphathiswa bakakumkani, neerhuluneli ezaziphethe isithili ngasinye, nakubalawuli bezizwe zonke ezivela kumazwe ngamazwe amanye amazwe isithili ngasinye sinombhalo waso, kwaye isizwe ngasinye sinolwimi lwaso; yabhalwa egameni likaKumkani uAhaswerosi yaza yatywinwa ngomsesane kakumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngosuku lweshumi elinesithathu kwinyanga yokuqala babizwa oonobhala bakomkhulu. Basixelelwa isihlokomiso esasiphuma kuHaman, sisiya kwiirhuluneli zikakumkani, nabalawuli kunye nezikhulu zamaphondo awahlukeneyo abantu ngabantu. Kwathiwa mabasibhale kwangezo lwimi zahlukeneyo zeentlanga ngeentlanga. Ezi zaziso ke zabhalwa egameni likakumkani uAsuwerosi ngokwakhe, zaza zanyatheliswa ngomsesane wakhe.