Esther 3:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwatunywa incwadi ngezigidimi kuwo onke amazwana okumkani, zokuba kutshatyalaliswe, kubulawe, kubujiswe bonke abangama‐Juda, kwa nabatsha nabadala, intsapo nabafazi, emhleni mnye, koweshumi linesitatu umhla wenyanga yeshumi linesibini, eyinyanga yo‐Adari, nokuba kupangwe amaxoba abo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zathunyelwa iincwadi ngezigidimi kumazwe onke okumkani, ukuba kutshatyalaliswe, kubulawe, kusingelwe phantsi onke amaYuda, kuthabathele kumfana, kuse kwindoda enkulu, iintsana nabafazi, ngamini-nye, ngomhla weshumi elinesithathu wenyanga yeshumi elinesibini (yinyanga enguAdare ke leyo); kuphangwe amaxhoba awo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathunyelwa iincwadi kuwo onke amaphondo kakumkani, ukuba kutshatyalaliswe, kubulawe, kutshatyalaliswe onke amaYuda, kuthabathele komncinane kuse kwixhego, abantwana nabafazi, ngamini-nye, ngomhla weshumi elinesithathu lweshumi elinesibini elinesibini yinyanga enguAdare ke, niyiphange imfuyo yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezo ncwadi ke zanikezelwa kwizigidimi ezathunywa kuwo onke amaphondo ombuso kakumkani. Zaziyalela ukuba onke amaJuda, amadala kwanamanci, abafazi nabantwana, makabulawe atshatyalaliswe atshitshiswe ngamini-nye – umhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yeshumi elinambini uAdare – ke zona iimpahla neento zawo zonke zithathwe zibe ngamaxhoba.