Esther 3:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Isitsho sesiba̔lo besisesokuba kunikwe umteto kuwo onke amazwana ngamanye, utyileka kubo bonke abantu, ukuba babe belungile ngomhla lowo,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Intetho yencwadi leyo, yokuze awiselwe umthetho onke amazwe ngamazwe, yaya yathunyelwa kwizizwe zonke, ukuba zihlale ziwulungiselelwe loo mhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ikopi yomthetho, eyayiza kuwiswa iphondo ngalinye, yaziswa kuzo zonke iintlanga, ukuba ziya kuhlala zilungile loo mini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ikopi yesi sihlokomiso ke yayiza kubekwa ibe ngumthetho kwiphondo ngalinye, ibhengezwe kubantu beentlanga ngeentlanga, khon' ukuze bahlale belulindele olo suku.