Esther 3:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku zonke izicaka zokumkani, ezibe zisesangweni lokumkani, zaguqa zaziqubuda pambi kwoHamani: ngokuba ukumkani ebeyalele njalo ngaye. Kodwa u‐Modekai akaguqa, akaziqubuda kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abakhonzi bokumkani, ababesesangweni lokumkani, babeguqa, baqubude kuHaman; kuba wenjenjalo ukumkani ukuwisa umthetho ngaye; ke yena uMordekayi akaguqa, akaqubuda kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abakhonzi bokumkani, ababesesangweni lokumkani, baqubuda, baqubuda kuHaman; ngokuba ukumkani ubewise umthetho wenjenjalo ngaye. Ke yena uMordekayi akaqubuda kuye, akamhlonela;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zonke izicaka zikakumkani apho esangweni zaguqa zakhahlela kuHaman ngokomyalelo kakumkani ngoHaman lowo. Kambe ke yena uModekayi zange aguqe akhahlele apho kuHaman.