Esther 3:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, nxa zateta naye imihla ngemihla, kanti akapulapula kuzo, zandula zamxelela u‐Hamani, ukuze zibone ukuba amazwi ka‐Modekai aya kuma kusinina: ngokuba ebezixelele ukuba ungum‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ke, bakumana ukutsho kuye imihla ngemihla, engaphulaphuli kubo, bamxelela uHaman, ukukhangela ukuba aya kuma na amazwi kaMordekayi. Kuba ubebaxelele ukuba yena ungumYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, bathetha naye imini yonke, akabaphulaphula; bamxelela uHaman, ukuba aya kuma na amazwi kaMordekayi, kuba ubebaxelele ukuba yena ungumYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mihla le zazithetha naye ngale nto, kodwa yena engavumi ukuthobela loo myalelo. Ngoko zamxelela uHaman ngoModekayi lowo, zifuna ukuqonda ukuba sonyanyezelwa na eso simo sikaModekayi, njengoko wayezixelele ukuba yena ungumJuda.