Esther 3:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati akubona u‐Hamani ukuba u‐Modekai akaguqa, nokuba akaziqubuda pambi kwake, wandula u‐Hamani wazala ngumsindo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabona uHaman ukuba uMordekayi akaguqi, akaqubudi kuye;wasuka uHaman wazala ngumsindo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabona uHaman ukuba uMordekayi akaguqi, nokuba akamzukisa; wavutha ngumsindo uHaman.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHaman akuqonda ukuba uModekayi akavumi ukuguqa akhahlele kuye, wasuka wanomsindo.