Esther 3:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa kwadeleka emehlweni ake ukwolula isandla ngakuye u‐Modekai yedwa: ngokuba bebexele kuye abantu baka‐Modekai: ngako wafuna u‐Hamani ukutshabalalisa onke ama‐Juda abekubo bonke ubukumkani buka‐Hasheveroshe, abantu baka‐Modekai.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakucekisa ukuba amse izandla uMordekayi yedwa; kuba ubebaxelelwe abantu bakuloMordekayi; wangxamela ke uHaman ukuwatshabalalisa onke amaYuda abesebukumkanini bonke buka-Ahaswerosi, abantu bakuloMordekayi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wagweba uMordekayi yedwa ukuba amse izandla; ngokuba bambonise abantu bakuloMordekayi; ngoko ke, uHaman wazama ukuwatshabalalisa onke amaYuda kubo bonke ubukumkani baseAsswerosi, abantu bakaMordekayi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa wathi, akuluqonda uhlanga lukaModekayi, akayithanda into yokuba abulale uModekayi yedwa. Ngoko ke uHaman wazama indlela yokulutshabalalisa lonke uhlanga lukaModekayi – amaJuda – kubo bonke ubukumkani buka-Asuwerosi.