Esther 3:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenyanga yokuqala, ekwa yinyanga yo‐Nisane, ngoweshumi linesibini umnyaka wokumkani u‐Hasheveroshe, kwawiswa i‐Puri, oko kukuti, iqashiso, ebusweni buka‐Hamani, kwimini ngemini, nakwinyanga ngenyanga, kwada kwakuyo eyeshumi linesibini inyanga, ekwa yinyanga yo‐Adari.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenyanga yokuqala (yinyanga enguNisan ke leyo), ngomnyaka weshumi elinesibini wokumkani uAhaswerosi, kwawiswa iPuri (liqashiso ke elo) phambi koHaman, imini ngemini, inyanga ngenyanga, yada yaba yeyeshumi elinesibini; yinyanga enguAdare ke leyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenyanga yokuqala, oko kukuthi, inyanga enguNisan, ngonyaka weshumi elinesibini kaKumkani uAhaswerosi, benza iPuri, oko kukuthi, amaqashiso, phambi koHaman yonke imihla nenyanga nganye, kwada kwayinyanga yeshumi elinesibini, oko kukuthi inyanga enguAdare.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuthe ke kunyaka weshumi elinambini kakumkani uAsuwerosi, ngenyanga yokuqala uNisan, kwenziwa ipuri (liqashiso ke elo), kukhethwa usuku nenyanga. Elo qashiso ke laphuma nenyanga yeshumi elinambini uAdari.