Esther 3:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Hamani wati kuye ukumkani u‐Hasheveroshe: Kuko abantu abatile betiwe sa bahlukene pakati kwezizwe, kuwo onke amazwana obukumkani bako; imiteto yabo yahlukile kw ey abantu bonke; nemiteto yokumkani abayenzi: ngako akufanelekile kukumkani ukuba abavume.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uHaman kukumkani uAhaswerosi, Kukho abantu abathile abathe saa, abangene phakathi kwezizwe emazweni onke obukumkani bakho; nemithetho yabo yahlukile kweyabantu bonke, abayenzi imithetho yokumkani; akufanelekile kukumkani ukubayeka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uHaman kukumkani uAhaswerosi, Kukho olunye uhlanga oluthe saa, oluthe saa ezintlangeni emazweni onke obukumkani bakho; nemithetho yabo yahlukile kweyabo bonke abantu; nemithetho yokumkani abayigcini; ke ngoko, akulungile ukuba ukumkani anyamezele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHaman wathetha nokumkani uAsuwerosi wathi: “Kukho uhlanga oluthe saa phakathi kwabantu bonke kuwo onke amaphondo ombuso wakho. Aba bantu bahleli bezikhethile kwabanye abantu. Amasiko abo ahlukile kuwo onke awabanye abantu, nemithetho kakumkani abayithobeli. Ngoko ke asinto intle ukuba ukumkani abanyamezele aba bantu.