Esther 4:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ziyazi zonke izicaka zokumkani, nabantu bamazwana okumkani, ukuba umntu, nokuba uyindoda nokuba uyinkazana, osukuba engena kukumkani ekusini lapakati, ongabizwanga, ngumteto wake umnye ukuba afiswe, ngapandle kwalowo aya kuti ukumkani olulele kuye intonga yegolide, aze apile: kodwa mna, andibizwanga ukuba ndingene kukumkani kuse kuntsuku ezimashumi matatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abakhonzi bokumkani, nabantu bamazwe okumkani, bayazi ukuba umntu, noyindoda noyinkazana, othe waya kukumkani entendelezweni engaphakathi, engabizwanga, mnye umthetho wakhe, ngowokuba abulawe; ngulowo yedwa, athe ukumkani wamolulela intonga yakhe yegolide, owothi aphile; ke mna andibizwanga ukuba ndiye kukumkani le mihla imashumi mathathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abakhonzi bokumkani nabantu abaseziphaleni zokumkani bayazi ukuba nabani na, nokuba yindoda nokuba yinkazana, othe eze kukumkani entendelezweni engaphakathi, engabizwanga, mnye umthetho wokuba makabulawe, umiselwe ukumkani ngaphandle kwabo ukumkani aya kubaphathela intonga yobukhosi yegolide, ukuze baphile; kodwa andizange ndibizwe ukuba ndiye kukumkani ngaloo mihla imashumi mathathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Onke amaphakathi kakumkani kunye nabantu bonke bezithili zakomkhulu bayazi ukuba xa indoda okanye umfazi engene phakathi kwibhotwe lokumkani, engakhange abe umenyiwe, umthetho kakumkani mnye qwaba: kukuba umntu lowo abulawe kuphele. Umntu onjalo usindiswa kukuba ukumkani asuke amkhombe ngentonga yakhe yolawulo yegolide. Kambe ke sezidlule iintsuku ezimashumi mathathu emva kokuba ndandikhe ndabizwa ngukumkani.”