Esther 4:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hamba, hlanganisa onke ama‐Juda akoyo e‐Shushane, nenze inzilo ngenxa yam, nize ningadli ningaseli nokusela imihla ibe mitatu, ebusuku nasemini: kanjalo nam, nezicakazana zam, siya kuyenza inzilo enjalo; ndandule ukungena ngokunjalo kukumkani, okungalungelene nomteto: ukuba ke ndiyabuba, ndiyabuba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yiya uwahlanganise onke amaYuda anokufumaneka eShushan, niz ile ukudla ngenxa yam. Musani ukudla, musani ukusela, imihla ibe mithathu, ubusuku nemini. Mna kananjalo neempelesi zam siya kwenjenjalo ukuzila ukudla; ndenjenjalo ukuya kukumkani ngokungesesikweni, nditshabalale ukuba ndiyatshabalala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yiya uwahlanganise onke amaYuda alapho eSusa, nizile ukudla ngenxa yam; ningadli, ningaseli iintsuku ezintathu, ubusuku nemini. Mna nabakhonzazana bam sozila ngaloo ndlela; ndongena ke kukumkani, kungengamthetho; nokuba nditshabalele, ndiya kutshabalala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Hamba uye kuwaqokelela onke amaJuda alapha kwesi sixeko saseSusa, xa ninonke nenze inzila ngenxa yam. Ze nithathe iintsuku ezintathu ningatyi ningaseli imini nobusuku. Nam ndikunye neempelesi zam siza kuzila kwenjengani. Yakuba yenzekile ke le nto, ndiza kuya kukumkani, nakuba nje ndisazi ukuba loo nto kukwaphula umthetho. Noko ke, ukuba ndifile, ndifile ke!”