Esther 4:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
weza kude kwapambi kwesango lokumkani: ngokuba bekungengenwe mntu esangweni lokumkani eyambete intlakantlaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafika phambi kwesango lokumkani; kuba bekungangeni mntu esangweni lokumkani ambethe ezirhwexayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafika phambi kwesango lokumkani, kuba akukho mntu unokungena esangweni lokumkani, enxibe iimpahla zokuzila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wahamba wee xhaxhe ngamasango asebhotwe, kuba wayengavumelekanga ukungena khona umntu onxibe ezirhwexayo.