Esther 4:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Esetere wambiza u‐Hataki, owababusi bokumkam, lowo abemmisele ukukonza kuye, wamyalezela ku‐Modekai, kuze kwaziwe lento ukuba iyinto nina, nokuba inganina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UEstere wabiza uHataki wakumathenwa okumkani, obemiswe ukuba amlungisele, wamwisela umthetho kuMordekayi, ukuba azi ukuba kutheni na, kungani na.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke uEstere wabiza uHathage, omnye wabalungiseleli bakakumkani, lowo wayemiselwe ngukumkani ukuba amnyamekele, waza wamyalela ukuba axelele uMordekayi ukuze azi ukuba yintoni kanye kanye le nto yaye kutheni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uEstere wathumela uHataki iphakathi likakumkani elalijongene naye ukuba liye kuqonda ukuba wayekhathazwe yintoni na uModekayi.