Esther 4:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nesitsho sesiba̔lo somteto esibe sinikwe e‐Shushane, sokuba atshatyalaliswe, wasinika kuye, ukuze ambonise u‐Esetere, amshumayeze, amyalele ukuba angene kukumkani ukutaṙuzisa kuye, nokubongozela abantu bake ebusweni bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamnika nencwadi leyo yomthetho obuwiswe eShushan wokuwatshabalalisa, ukuze ayibonise uEstere, amxelele, amwisele umthetho wokuba aye kukumkani, atarhuzise kuye, athandazele abantu bakowabo ebusweni bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamnika nekopi yencwadi leyo yayinikwe uSusan, yokuba batshatyalaliswe, ukuze amxelele uEstere, amazise, amyale ukuba aye kubuza kukumkani kuye nokucela kuye abantu bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo ke wamnika nekopi yaloo mthetho wawuyalela ukutshatyalaliswa kwamaJuda, lowo wawubhengezwe eSusa, ukuze awubonise uEstere, amchazele konke, futhi ambongoze ukuba azame ukuya kubonana nokumkani, amcenge abe nebuya-mbo mayela nabantu bakowabo.