Esther 5:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Hamani wababalisela ubungcwalisa bobutyebi bake, nobuninzi babantwana bake, nako konke ukumkani abemenze mkulu ngako, nokokuba ebempakamisile ngapezu kwenkosi nezicaka zokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UHaman wababalisela ubuqaqawuli bobutyebi bakhe, nobuninzi boonyana bakhe, nako konke ukwenziwa mkhulu kwakhe ngukumkani, nokuphakanyiswa kwakhe phezu kwabathetheli babakhonzi bokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uHaman wabaxelela ngozuko lobutyebi bakhe nenani loonyana bakhe nazo zonke izinto awamphakamisa ngazo ukumkani, nendlela aziphakamisa ngayo ngaphezu kweenkosana nabakhonzi bakakumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza ke wabaqhayisela ngobutyebi bakhe nangoonyana abaninzi, ngokunjalo nangeendlela awayewongwe ngazo ngukumkani wada wamphakamisa kunazo zonke izikhulu namaphakathi akhe.