Esther 5:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela wati u‐Hamani: Ewe, u‐Esetere ukumkanikazi akangenisa mntu kunye nokumkani esidlweni abesilungisile, kupela mna; kanjalo nangomso ndimenyelwe kuye kunye nokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uHaman, Ngaphezu koko, uEstere ukumkanikazi akangenisanga bani nokumkani esidlweni abesenzile, yaba ndim ndedwa; kananjalo ngomso undimemele kuye nokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, uHaman wathi: “Ewe, ukumkanikazi uEstere akazange avumele nabani na ukuba abe kunye nokumkani esidlweni awayesilungiselele ngaphandle kwam; yaye ngomso ndiya kumenyelwa kuye nokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqhuba uHaman wathi: “Akuphelelanga kwezo zinto, nangoku ndim ndedwa umntu omenywe ngukumkanikazi uEstere ukuba aye nokumkani kwitheko alenzileyo. Ewe, kwakhona undimemele kwitheko aza kuba nalo nokumkani ngomso.