Esther 5:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati kuye u‐Zereshe umfazi wake, nazo zonke izihlobo zake: Makulungiswe umti ube zikubite ezimashumi mahlanu ubude bawo, uti kwakusa utete kukumkani ukuba u‐Modekai makaxo̔nywe pezu kwawo; wandule ungene nokumkani esidlweni unokuvuya. Yabilungile lento ku‐Hamani, wawulungisa umti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uZereshe umkakhe nezithandane zakhe zonke kuye, Mabenze umthi ube ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude bawo, uthethe kusasa kukumkani, bamxhome uMordekayi kuwo; uye ke nokumkani esidlweni uvuya. Lalunga elo lizwi kuHaman; wawenza umthi lowo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke uSeres umkakhe nezihlobo zakhe zonke kuye, Umthi mawuphakame ube ziikubhite ezimashumi mahlanu, uthethe kukumkani ngomso, ukuba uMordekayi axhonywe kuwo; emva koko atye kunye nokumkani ngovuyo. Yalunga loo nto emehlweni kaHaman; kwaye wenza ukuba kwenziwe umthi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umkakhe uZereshi ndawonye nazo zonke izihlobo zikaHaman bathi kuye: “Makwakhiwe umthi wokuxhoma uphakame ube ziimitha ezimashumi mabini anambini, uze ke ngomso ucele ukumkani amxhome apho uModekayi. Hamba ke uye ethekweni kunye nokumkani uchwayitile.” Eli cebiso lamkholisa uHaman, waza ke wawenza loo mthi wokuxhoma.