Esther 5:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba ndifumene ufefe emehlweni okumkani, nokuba kunga kulungile kukumkani ukunika isicelo sam, nokufeza isikungo sam, makeze ukumkani no‐Hamani esidlweni endiya kubalungisela sona, ndandiya kuti ngomso ndenze ngalo ilizwi lokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba ndithe ndababalwa ngukumkani, ukuba kuthe kwalunga kukumkani ukundinika endikucelayo, nokundenzela ukuthandaza kwam, makeze ukumkani noHaman esidlweni, endiya kubenzela sona, ndenze ngomso ngokwelizwi lokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ndithe ndababalwa emehlweni okumkani, ukuba kuthe kwalunga kukumkani, ukuba andinike umthandazo wam, asizalise isicelo sam, makeze ukumkani noHaman esidlweni endibalungisela sona ngomso; ndiya kuza yenza njengoko wathethayo ukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ngenene ndamkelekile kukumkani, ezimisele ukwenza ngokwesicelo sam, ukumkani ndawonye noHaman ngomso mabeze kwitheko endibalungiselele lona. Ngelo thuba ke ndowuphendula lo mbuzo awubuzayo ukumkani.”