Esther 6:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wati ku‐Hamani: Nxama, utabate isivato eso nehashe elo, njengokuba utshilo, uze wenje njalo ku‐Modekai um‐Juda, ohleliyo esangweni lokumkani: mayingatshitshi nanye into kuko konke ukutetileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani kuHaman, Ngxama uthabathe isambatho eso nehashe elo, njengoko ukuthethileyo, wenjenjalo kuMordekayi umYuda, ohleli esangweni lokumkani. Makungawi phantsi nalinye ilizwi kuko konke okuthethileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani kuHaman, Khawuleza, uthabathe ingubo leyo nehashe elo, njengoko ukuthethileyo, wenjenjalo kuMordekayi umYuda, ohleli emnyango wokumkani; Makungabikho siphazamiso kuyo yonke into oyithethileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani ke wathi kuHaman: “Khawuleza uthathe umnweba lowo kunye nehashe elo, wenze ngaloo ndlela kuModekayi umJuda ohlala esangweni likakumkani. Uze ukwenze konke oko ukuthethileyo, ungashiyi nento le.”