Esther 6:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Hamani wambalisela u‐Zereshe umfazi wake, nazo zonke izihlobo zake, konke obekumhlile. Ayesiti kuye amalumko ake, no‐Zereshe umfazi wake: Ukuba u‐Modekai ungowenzalo yama‐Juda, osel’ uqalile ukuwa pambi kwake, akusayi kumeyisa, koko uya kuwa ngenyaniso pambi kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UHaman wamcacisela uZereshe umkakhe, nezithandane zakhe zonke, konke okumhleleyo. Zathi kuye izilumko zakhe noZereshe umkakhe, Ukuba ngowembewu yamaYuda uMordekayi lo, uqalileyo ukuwa phambi kwakhe, akunakumthini; ke wowa uwile phambi kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uHaman waxelela uSerese umkakhe, nezihlobo zakhe zonke, konke okumhleleyo. Zathi kuye izilumko zakhe, noSerese umkakhe, Ukuba ungowesizwe samaYuda uMordekayi, lowo uqalileyo ukuwa phambi kwakhe, akuyi kumeyisa; wowa phambi kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akufika ekhaya wabalisela umkakhe uZereshi kunye nezihlobo zakhe zonke ngako konke okwakumhlele ngaloo mini. Ke abacebisi bakhe ndawonye nomkakhe uZereshi bathi kuye: “Ukuba ke lo mfo unguModekayi okuthobe kangaka engowohlanga lwamaJuda, akunako ukumelana naye – ngokuqinisekileyo wena uza kutshabalala!”