Esther 6:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti ukumkani: Ngubanina osebaleni? (Kekaloku u‐Hamani ebefikile ebaleni langapandle lendlu yokumkani, ukuza kuteta naye ukuba amxo̔me u‐Modekai pezu kwomti abemlungisele wona.)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani, Ngubani na osentendelezweni? Ke kaloku uHaman ubengene entendelezweni engaphandle yendlu yokumkani, esiza kuthi kukumkani, makaxhonywe uMordekayi emthini, abemlungisele wona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani, Ngubani na osendlwini? Wangena uHaman entendelezweni engaphandle yendlu yokumkani, esiya kuthetha kukumkani malunga nokuxhonywa kukaMordekayi emthini abemlungisele wona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani ke wathi: “Ngubani okhoyo ngoku apha ebhotwe?” Ke uHaman wayesandula ukungena kwinkundla engaphandle yasebhotwe apho, eze kuthetha nokumkani mayela nokuxhonywa kukaModekayi kuloo mthi wayewulungiselele ukumxhoma kuwo.