Esther 7:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba sitengelwe, mna nabantu bam, ukutshatyalaliswa, ukubulawa, nokubujiswa. Ukuba kodwa sibe sitengelwe ukuba ngamakonza namakonzakazi, bendiya kuti cwaka, nangona utshaba lungenako ukwenzelelela ukwonakala kwokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba kuthengisiwe ngathi, mna nabantu bakowethu, ukuze sitshatyalaliswe, sibulawe, sisingelwe phantsi. Ukuba bekuthengiswe ngathi ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana, ndinge ndithe cwaka; ngokuba umbandezeli lowo ubengeyibuyiseli inkxwaleko yokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yokuba kuthengisiwe ngathi, mna nabantu bakowethu, ukuze sitshatyalaliswe, sibulawe, sisingelwe phantsi. Ukuba bekuthengiswe ngathi ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana, ndaye ndithule, nangona utshaba lwalungenako ukumbulala ukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku mna ndawonye nabantu bakowethu kuthengisiwe ngathi ukuze sitshatyalaliswe, sibulawe, sicinywe igama. Ukuba bekuthengiswe ngathi ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana ngendithe cwaka, kuba bekungayi kubakho ntlungu ingako inyanzelisa ukuba kude kuphazanyiswane nomhlekazi.”