Esther 8:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
zokuba ukumkani wavumela ama‐Juda, akuzo zonke izixeko ngazinye, ukuzihlanganisa, nokupakamela ubomi bawo, ukutshabalalisa, ukubulala, nokububisa, onke amandla abantu nezwana, abaya kuwapata ngobutshaba, intsapo nabafazi, nokupanga amaxoba abo,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwabhalwa kwathiwa, ukumkani uwavumele amaYuda, akwimizi ngemizi yonke, ukuba abizelane ndawonye, akhusele ubomi bawo, atshabalalise, abulale, asingele phantsi yonke impi yabantu neyelizwe eliwabandezelayo, abantwana nabafazi, aphange amaxhoba abo,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani wawawisela umthetho amaYuda akwimizi ngemizi, ukuba ahlanganisane, alinde umphefumlo wawo, ukuba atshabalalise, abulale, atshabalalise onke amandla abantu, nelizwe, abeza kulihlasela, amadodana nabafazi, batshabalalise onke amazimba amandla abantu nelizwe eliya kubahlasela ukuba athimbe kubo njengokuphangwayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Esi sihlokomiso sikakumkani amaJuda azo zonke izixeko sawanika ilungelo lokuba aqokelelane azikhusele, atshabalalise abulale ade atshitshise nabani na oxhobileyo noba ngowaluphi na uhlanga okanye ngowaliphi na iphondo, xa ewahlasela ndawonye nabafazi nabantwana bawo, aze ahluthe nantoni na eyeyotshaba lwawo.