Esther 8:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuwo onke amazwana ngamanye, nakuzo zonke izixeko ngazinye, apo lisukuba lafikela kona ilizwi lokumkani nomteto wake, ama‐Juda ebenovuyo nomgcobo, ebenesidlo nomhla omnandi. Baza abaninzi ebantwini belizwe baba ngama‐Juda; ngokuba ukwoyikwa kwama‐Juda bekuwile pezu kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nakumazwe ngamazwe onke, nakwimizi ngemizi yonke, elathi lafika kuyo ilizwi lokumkani nomthetho wakhe, yaba yimivuyo nemihlali kumaYuda, isidlo nomhla wokuchwayitha. Abaninzi ezizweni zelizwe baba ngamaYuda; ngokuba bafikelwa kukunkwantya ngamaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuwo onke amaphondo nakwizixeko ngezixeko, naphi na apho umyalelo kakumkani nomyalelo wakhe wawufikela khona, amaYuda ayenovuyo nemihlali, imibhiyozo nemini nobumnandi. Abantu abaninzi belizwe baba ngamaYuda; ngokuba bafikelwa kukunkwantya ngamaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwiphondo ngalinye nakwisixeko ngasinye apho sahamba khona eso sihlokomiso, yaba yimincili nochulumanco kumaJuda, ebhiyoza ngezidlo. Ke into eninzi yabantu bezinye iintlanga yaba ngamaJuda ngaloo mini ngenxa yokuba ingenelwe kukuwoyika amaJuda.