Esther 8:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati: Ukuba kunga kulungile kukumkani, nokuba ndifumene ufefe ebusweni bake, nokuba ifanelekile lento pambi kwokumkani, nokuba ndikolekile mna emehlweni ake, makuba̔lwe ukuba kubuyiswe incwadi n eqinga lika‐Hamani unyana ka‐Medata, um‐Hagagi, owaba̔layo ukuba kubujiswe ama‐Juda akuwo onke amazwana okumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, ukuba ndithe ndababalwa nguye, yafaneleka le nto phambi kokumkani, nam ndalunga emehlweni akhe: makubhalwe zibuye iincwadi zengcinga kaHaman unyana kaHamedata, umAgagi, awazibhalela ukuwatshabalalisa amaYuda asemazweni onke kakumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Akuvuma ukumkani, ndambabala emehlweni akhe, yabonakala ilungile loo nto phambi kokumkani, nam ndakholeka emehlweni akhe; nantso ibhaliwe ezincwadini ezibhalwe nguHaman, unyana wokumkani nguHamedadati umAgagi, owabhala ukuba kutshatyalaliswe amaYuda emazweni onke kakumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEstere wathi: “Xa kukholekile kuwe, kumkani, ukuba uyandamkela, ubona ukuba yinto entle le, ube nam undithakazelela, makukhutshwe isihlokomiso esitshitshisa esiya sikaHaman unyana kaHamedata um-Agagi, eso wayesibhalele ukutshabalalisa amaJuda kuzo zonke izithili zikakumkani.