Esther 8:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndingati nina ukuba namandla okuba ndibone ububi obuya kuhlela abantu bam? ndingati nina kanjalo ukuba namandla okuba ndibone imbujiswa yezalamane zam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ndingathini na ukuba nako ukububonela ububi obuya kubazela abantu bakowethu? Ndingathini na ukuba nako ukukubona ukutshatyalaliswa kwemizalwane yam?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndingathini na ukuba nako ukuyibona intlekele eza kufikela abantu bam? Ndingathini na ukuba nako ukuyibona intshabalalo yosapho lwam?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthi ndingathini kodwa ukusinyamezela isithwakumbe esinje phezu kwabantu bakowethu? Ndingathini ukubukela amawethu etshatyalaliswa?”