Esther 8:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandula kwabizwa ababa̔li bokumkani ngexesha elo, ngenyanga yesitatu, ekwa yinyanga yo‐Sivane, ngowamashumi mabini anesitatu umhla wayo; kwaza kwaba̔lwa ngako konke wakuyalelayo u‐Modekai, kuma‐Juda, nakuzo inkosi ezinkulu, nenkosi nabapati bamazwana, a tabata e‐Yindiya kude kwase‐Tiyopiya, amazwana alikulu linamashumi mabini anesixe̔nxe, izwana ngezwana njengokuba̔la kwalo, nabantu ngabantu njengenteto yabo; nakuwo ama‐Juda, njengokuba̔la kwawo, nanjengenteto yawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babizwa ke ababhali bokumkani ngelo xesha ngenyanga yesithathu (yinyanga enguSivan ke leyo), ngomhla wamashumi amabini anesithathu kuyo; kwabhalwa ngako konke awawisa umthetho ngako uMordekayi, kumaYuda, nakwiirhuluneli, nakumabamba, nakubathetheli bamazwe, athabathela eIndiya eza kwaKushi, amazwe alikhulu elinamanci mabini anesixhenxe, kwilizwe ngelizwe njengokubhala kwalo, kubantu ngabantu ngokwentetho yabo, nakumaYuda ngokokubhala kwawo nangokwentetho yawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babizwa ke ababhali bokumkani ngelo xesha ngenyanga yesithathu (yinyanga enguSifan ke leyo), ngomhla wamashumi amabini anesithathu kuyo; Kwabhalwa ngako konke awawawisa umthetho uMordekayi amaYuda, nabathetheli, nabathetheli, namabamba amazwe, athabathela kwelaseIndiya esa kwaKushi, amazwe alikhulu elinamanci mabini anesixhenxe, kwelinye icala, nakwelinye ukuba kubhalwe kuzo zonke iintlanga ngokweentetho zazo, namaYuda ngokweebhalo zawo, nangolwimi lwazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko nangoko oonobhala bakomkhulu babizwa ngomhla wamashumi mabini anantathu kwinyanga yesithathu uSivan. Babhala ngokwemiyalelo kaModekayi eyayibhekiswa kumaJuda neerhuluneli nabalawuli nezikhulu zaloo maphondo alikhulu mashumi mabini anesixhenxe, kuqalela kwelaseIndiya kuthi xhaxhe ngeKushe. Ezi zihlokomiso zabhalwa ngobhalo nangolwimi lwephondo ngalinye, kananjalo zabhekiswa nakumaJuda ngobhalo nolwimi lwawo.