Esther 9:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU ngenyanga yeshumi linesibini, ekwa yinyanga yo‐Adari, ngoweshumi elinesitatu umhla wayo, okuya bekuza kufika ukwenziwa kwelizwi lokumkani nomteto wake, ngomhla ezati intshaba zama‐Juda zatembela ukuba zibe namandla pezu kwawo, (kodwa kwaguqulwa oko, ngokuba ama‐Juda wona ebenamandla pezu kwabatiyi bawo,)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku ngenyanga yeshumi elinesibini (yinyanga enguAdare ke leyo), ngomhla weshumi elinesithathu kuyo, ekwakuthe kwafika ukwenziwa kwelizwi lokumkani nomthetho wakhe, ngomhla ebezilindele iintshaba zamaYuda ukuwaphatha ngegunya, kwaguqulwa oko, amaYuda aba ngawo aziphatha iintshaba zawo ngegunya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenyanga yeshumi elinesibini (yinyanga enguAdare ke leyo), ngomhla weshumi elinesithathu kuyo, ekuzalisekeni kwelizwi lokumkani nomthetho wakhe, ngaloo mini iintshaba zamaYuda zaziza kuwahlasela baye, (nangona kwakuchasene noko, ukuba amaYuda ayebalawula abo babewathiyile);
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku isihlokomiso somthetho kakumkani sasimiselwe ukuba sifezekiswe ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga yeshumi elinambini uAdare. Ngaloo mini iintshaba zamaJuda zazithembe ukuba ziya kuwabetha ziwavuthulule, kambe ke kwathi kanti zizinqikele ilitye elinobugqwangu, kuba amaJuda asuka azongamela iintshaba zawo.