Esther 9:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wati ku‐Esetere ukumkanikazi: e‐Shushane komkulu ama‐Juda abulele abubisa amadoda amakulu mahlanu, nonyana boshumi baka‐Hamani; enze nto nina kuwo amanye amazwana okumkani? kekaloku siyinto nina isicelo sako? sesiya kunikwa kuwe: siseyinto nina isikungo sako? siya kwenzwa ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani kuEstere ukumkanikazi, EShushan komkhulu amaYuda abulele atshabalalisa amakhulu amahlanu amadoda, noonyana abalishumi bakaHaman; kwamanye amazwe okumkani kobeka phi na? Ucela ntoni na? woyinikwa; usafuna ntoni na?woyenzelwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani kuEstere ukumkanikazi, eShushan amaYuda abulele, atshabalalisa amakhulu amahlanu amadoda, noonyana abalishumi bakaHaman; babesenza ntoni kwamanye amazwe kakumkani? sithini isicelo sakho? kwaye uya kuyinikwa; okanye siyintoni na isicelo sakho? kwaye iya kwenzeka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukumkani wathi kukumkanikazi uEstere: “AmaJuda abulele amakhulu amahlanu amadoda ndawonye neshumi loonyana bakaHaman komkhulu eSusa. Ngaba enze ntoni na kwamanye amaphondo kakumkani? Ngoku ke, sithini isicelo sakho? Ewe, woyenzelwa into oyifunayo! Sixele isicelo onaso, uya kusenzelwa.”