Esther 9:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ahlanganisana ama‐Juda ezixekweni zawo, kuwo onke amazwana okumkani u‐Hasheveroshe, ukuze abeke isandla pezu kwabo bakufunayo ukwenzakala kwawo: akwabiko mntu obenako ukuma ebusweni bawo; ngokuba ukwoyikwa kwawo bekuwile pezu kwabobantu bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abizelana ndawonye amaYuda emizini yawo, emazweni onke kakumkani uAhaswerosi, ukuba abase isandla abo babefuna ukuwenza okubi; akwema mntu ebusweni bawo, ngokuba izizwe zonke zafikelwa kukunkwantya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
AmaYuda ahlanganisana kwizixeko zawo kuwo onke amaphondo kaKumkani uAhaswerosi ukuze abase izandla abo babefuna ububi bawo; kwaye kungekho bani unako ukuma nawo; ngokuba bafikelwa kukunkwantya abantu bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaJuda aqokelelana kwizixeko zawo kuwo onke amaphondo aphantsi kolawulo lukakumkani uAsuwerosi, elungele ukuhlasela wonke umntu ofuna ukuwatshabalalisa. Akubangakho mntu unokumelana nawo, kuba bonke abantu bezinye iintlanga babenkwantya kukuwoyika.