Esther 9:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngenxa yokuba u‐Hamani unyana ka‐Medata, um‐Hagagi, utshaba lwawo onke ama‐Juda, ebeqingile ngakuwo ama‐Juda ukuwabubisa, nokuba ebewisile i‐Puri, oko kukuti, iqashiso, ukuwatshabalalisa, nokuwabubisa;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokuba uHaman unyana kaHamedata, umAgagi, umbandezeli wamaYuda onke, wayewacingele ukuwatshabalalisa amaYuda, wawisa iPuri (iqashiso ke elo), ukuba awadubadube, awatshabalalise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ngenxa yokuba uHaman unyana kaHamedata, umAgagi, utshaba lwamaYuda onke, wayeceba ukuwatshabalalisa amaYuda aze enze iPuri, oko kukuthi, iqashiso, ukuwatshabalalisa nokuwatshabalalisa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uHaman unyana kaHamedata um-Agagi utshaba lwamaJuda wayewenzele iyelenqe amaJuda, efuna ukuwatshabalalisa, wada wenza ipuri (liqashiso ke elo) ukuze atshitshiswe.