Esther 9:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa akungena u‐Esetere ebusweni bokumkani, waxela ngencwadi, ukuba iqinga lake elikohlakeleyo, owaliqingayo ngakuwo ama‐Juda, libuyele pezu kweyake intloko, nokuba kuxo̔nywe yena nonyana bake emtini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekufikeni kwaloo nto phambi kokumkani, wathi ngencwadi mayibuyiselwe entlokweni yakhe ingcinga yakhe embi, abeyicingele amaYuda, bamxhome yena noonyana bakhe emthini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ekufikeni kukaEstere phambi kokumkani, wayalela ngeencwadi ukuba icebo lakhe elibi awayecebe ngalo ngamaYuda libuyele entlokweni yakhe, yaye yena noonyana bakhe baxhonywa emthini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke lithe lakuqondwa ngukumkani iyelenqe elo, wasuka wayalela ukuba kubhalwe izaziso zokutshitshisa icebo likaHaman lokutshabalalisa amaJuda, khon' ukuze isikhuni sibuye nomkhwezeli, ke yena noonyana bakhe baxhonywe emthini olungiselelwe oko.