Esther 9:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
aqinisa atabata ama‐Juda pezu kwawo, napezu kwenzalo yawo, napezu kwabo bonke abaya kuzibandakanyela kubo, kuze kungatshitshi, ukuba oyibamba lemihla yomibini, ngokuba̔lwa kwayo, nangomzuzu wayo, kuyo yonke iminyaka ngaminye;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
amaYuda akumisa, akuthabathela kuwo, nakwimbewu yawo, nakubo bonke abathelela kuwo, ngokuze kungatshitshi, ukuthi ayimise loo mihla yomibini ngokwesibhalo esibhalwe ngayo, nangokumiswa kwexesha layo, iminyaka ngeminyaka yonke;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
AmaYuda ashumayela yaye azithabathele abazukulwana bawo bonke abo bathelela kuwo, kangangokuba kungeyomfuneko ngawo ukuba agcine ezi ntsuku zimbini ngokwezibhalo zawo nokuhamba ngexesha lawo elimisiweyo minyaka le;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
amaJuda azibophelela ekulimiseleni eli siko lokuba wona, ndawonye nezizukulwana zawo, nabo bonke abazibandakanya nawo, soze aphazame ekubeni ezi ntsuku zimbini kunyaka ngamnye zibe zezemibhiyozo ngokwemigqalisela yexesha elimisiweyo.