Esther 9:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokuba lemihla ikunjulwe igcinwe kuzo zonke izizukulwana ngazinye, isizalwane ngesizalwane, izwana ngezwana, isixeko ngesixeko; nokuba lemihla ye‐Purime ingatshitshi pakati kwama‐Juda, nenkunjulwa yayo ingapeli kwinzalo yawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ikhunjulwe loo mihla, yenziwe kwizizukulwana ngezizukulwana zonke, kwimizalwane ngemizalwane, kumazwe ngamazwe, kwimizi ngemizi; ingatshitshi loo mihla yePuri phakathi kwamaYuda, ukukhunjulwa kwayo kungapheli embewini yawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ikhunjulwe loo mihla, igcinwe kwizizwe ngezizwe, kwizizwe ngezizwe, kwisithili ngemizi, kwimizi ngemizi; nokuba le mihla yePurim ingatshabalali phakathi kwamaYuda, nokukhunjulwa kwayo akupheli kwinzala yawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezo ntsuku ke zaziya kukhunjulwa zibekelwe bucala zizo zonke izizukulwana, nayiyo yonke imizi, kuzo zonke iziphaluka, nakuzo zonke izixeko. Ewe, le mihla yeqashiso ayisoze iyeke ukubhiyozelwa ngamaJuda, kanti nokukhunjulwa kwayo soze kutshitshe phakathi kwenzala yawo.