Esther 9:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo abapati bamazwana, nenkosi ezinkulu, nenkosi, nabo bawenza umsebenzi wokumkani, bawanceda ama‐Juda; ngokuba ukwoyikwa kuka‐Modekai bekuwile pezu kwabo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abathetheli bamazwe, neerhuluneli, namabamba, nabasebenzi bokumkani, bawanceda amaYuda; ngokuba babengenelwe kukoyika uMordekayi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abathetheli bamazwe, nabathetheli, namabamba, nabathetheli bokumkani, bawanceda amaYuda; ngokuba bafikelwa kukoyika uMoretogayi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke futhi zonke izikhulu zamaphondo, iirhuluneli, abalawuli, namagosa kakumkani, babencedisa amaJuda, kuba bonke babengenelwe kukumoyika uModekayi.