Esther 9:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze kuqiniswe lemihla ye‐Purime ngemizuzu yayo, njengokuba ebeqinisile pezu kwawo u‐Modekai um‐Juda, no‐Esetere ukumkanikazi, nanjengokuba ebeqinisile pezu kwawo wona napezu kwenzalo yawo, indawo zokuzila ukutya nezokukala kwawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
okumisa loo mihla yePuri ngamaxesha ayo amisiweyo, ngoko bamisa ngako ooMordekayi umYuda noEstere ukumkanikazi, nangoko amaYuda azimisela ngako okwawo, nembewu yawo, amazwi okuzila ukudla nokukhala kwawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze kuqinisekwe imihla yePurim ngamaxesha ayo amisiweyo, kanye njengoko uMordekayi umYuda noKumkanikazi uEstere babebayalele, nangokuvumelana noko babegqibe ngako kubo nangokwenzala yabo ngokuphathelele ukuzila ukutya nokubizwa kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ukuze kumiselwe le Mihla yeePuri ngamathuba ayo. Kaloku ezi ntsuku zamiselwa nguModekayi umJuda enokumkanikazi uEstere, zaza zaba sisivumelwano samaJuda ndawonye nenzala yawo ngokuphathelele kumathuba awo okuzila nokulila.