Esther 9:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba ebemkulu u‐Modekai endlwini yokumkani, nodumo lwake lwapumela kuwo onke amazwana: ngokuba lendoda, u‐Modekai, yamana yaba nkulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba uMordekayi ebemkhulu endlwini yokumkani, udaba lwakhe lwaya emazweni onke; kuba indoda leyo inguMordekayi yaya iba nkulu ngokuba nkulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uMordekayi wayemkhulu endlwini kakumkani, yaye udumo lwakhe lwaqhubeka lufikelela kuwo onke amaphondo, kuba le ndoda inguMordekayi yayikhula ngakumbi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngeli thuba uModekayi waba yimbalasane apho komkhulu, udumo lwakhe lwasuka lwathi ndii kuwo onke amaphondo, waya ethath' unyawo ngobuhandiba.