Exodus 1:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yizani kesenze ngobuqinga kubo; hlezibe babe nokwanda, kude kuti, nxa sukuba isihla imfazwe, batelele kwintshaba zetu nabo, balwe nati, benyuke elizweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yizani sibalumkise, hleze bande; bathi, xenikweni kuthe kwehla imfazwe, bathelele nabo kwiintshaba zethu, balwe nathi, banyuke baphume ezweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yizani basebenze ngengqiqo; ukuze bangande, kwaye ukuba kuqhambuka nayiphi na imfazwe, nabo bazimanya neentshaba zethu kwaye balwe nathi baze ngaloo ndlela barhoxe ehlabathini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke masihlale sivundlile, hleze athi akwanda ngaphezu koku adibane neentshaba zethu ngexesha lemfazwe, asihlasele, afumane ithuba lokubaleka emke kweli lizwe.”