Exodus 1:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa njengoko bababandezelayo, kwa ngokunjalo baba baninzi, nangokunjalo babesanda; baba boyika kakulu ngenxa yosapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Okukhona babacinezelayo, kokukhona bandayo, kokukhona baphangalalayo; bakruquka ngabo oonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okukhona babacinezelayo, kokukhona basasazekayo; Baba buhlungu ngoonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke, okukhona bawatshutshisayo amaSirayeli, yaba kokukhona andayo, alizalisa lonke ilizwe. Le meko ke yawenza ahlala exhaleni elingathethekiyo amaJiputa ngenxa yamaSirayeli.