Exodus 1:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako utixo wenzela abazalisikazi okulungileyo; bati abantu abo baba baninzi, bazuza amandla ngento enkulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko uThixo wabenzela okulungileyo abazalisikazi. Banda abantu, banamandla kakhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko uThixo wabaphatha kakuhle abo bazalisikazi, yaye uhlanga lwanda, lwaba namandla kakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yokuba ababelekisi bemoyika uThixo, uThixo wabavuza ngeentsapho. Ke wona amaSirayeli aya esanda ngokwanda, aba luqilima.