Exodus 1:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Faro wayalela bonke abantu bake, esiti: Bonke onyana abazelweyo niya kubaposa emlanjeni, kodwa zonke intombi niya kuzilondoloza ebomini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UFaro wabawisela umthetho abantu bakhe bonke, wathi, Bonke oonyana abathe bazalwa, baphoseni emlanjeni; ke zonke iintombi zisindiseni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uFaro wabawisela umthetho abantu bakhe bonke, wathi, Bonke oonyana abathe bazalwa, baphoseni emlanjeni umNayile, zonke iintombi nizigcine ziphila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekugqibeleni ke ukumkani wayalela bonke abantu bakhe wathi zonke iintsana ezingamakhwenkwe zamaHebhere maziphoswe emlanjeni iNayile, ke zona ezingamantombazana ziyekwe.